-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
11
|Hechos 18:11|
Wahlala khona ke umnyaka oneenyanga ezintandathu, efundisa ilizwi likaThixo phakathi kwabo.
-
12
|Hechos 18:12|
Ke kaloku, akubonÂ’ ukuba uGaliyo ulibamba kwelaseAkaya, amwela uPawulos amaYuda ngamxhelo mnye, amsa esihlalweni sokugweba,
-
13
|Hechos 18:13|
esithi, Lo uzamela ukweyisa abantu ukuba bamhlonele uThixo ngokunxamnye nomthetho.
-
14
|Hechos 18:14|
Uthe ke xa uPawulos aza kuvula umlomo, wathi uGaliyo kumaYuda, Ukuba ke ngoko ibiyinto yentswela-bulungisa, nokuba ibiyeyobutshijolo obungendawo, maYuda, ngekufanelekile ukuba ndininyamezele;
-
15
|Hechos 18:15|
kodwa ukuba yimbuzwano ngelizwi, namagama, nomthetho ongowenu, zikhangeleleni nina; kuba mna andingi ndingaba ngumgwebi wezo zinto.
-
16
|Hechos 18:16|
Wawagxotha esihlalweni sokugweba.
-
17
|Hechos 18:17|
Ambamba ke onke amaGrike uSostene, umphathi wendlu yesikhungu, ambetha phambi kwesihlalo sokugweba. Akwabakho nanye yezo zinto ayikhathalelayo uGaliyo.
-
18
|Hechos 18:18|
Ke kaloku uPawulos ukhe wahlala imihla eyaneleyo. Waza, ebabulisile abazalwana, wemka ngomkhombe waya kwelaseSiriya, enoPrisila noAkwila; eyichebile intloko eKenkreya, kuba waye enesibambiso.
-
19
|Hechos 18:19|
Wehla ke wafika e-Efese, wabashiya bona apho; ke yena wangena endlwini yesikhungu, waxoxa namaYuda.
-
20
|Hechos 18:20|
Uthe ke, akumcela ukuba akhe ahlale umzuzu kuwo, akavuma;
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Gálatas 1-3