-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
21
|Hechos 18:21|
wawabulisa ke esithi, Nokuba kutheni, ndimelwe kukuwenzela eYerusalem umthendeleko ozayo; kodwa ndobuya ndize kuni, ukuba uThixo uyavuma. Waza wemka ngomkhombe e-Efese.
-
22
|Hechos 18:22|
Uthe, ehle weza eKesareya, wenyuka walibulisa ibandla, wehla waya kwa-Antiyokwe.
-
23
|Hechos 18:23|
Enze ixesha elithile khona, wemka, walityhutyha ilizwe laseGalati, nelaseFrigi, ebomeleza bonke abafundi.
-
24
|Hechos 18:24|
Ke kaloku wathi umYuda othile, ogama linguApolo, wakwa-Alesandire ngokuzalwa, umfo oliciko, wehla waya e-Efese, enobunkunkqele ezibhalweni.
-
25
|Hechos 18:25|
Lowo ke wayeyifundisiwe ngomlomo indlela yeNkosi; waza evutha ngumoya wathetha, wafundisa ngokucokisekileyo izinto ezingayo iNkosi, esazi kakuhle ubhaptizo lukaYohane lodwa.
-
26
|Hechos 18:26|
Yena kanjalo waqala ukuthetha ngokungafihlisiyo endlwini yesikhungu. Bathe ke bakumva ooAkwila noPrisila, bamthabathela kubo, bamtyhilela ngokucokisekileyo ngakumbi indlela kaThixo.
-
27
|Hechos 18:27|
Ke kaloku, akubonÂ’ ukuba unga angadlula aye kwelaseAkaya, abazalwana babhala bebayala abafundi ukuba bamamkele; owathi akufika, wabanceda kakhulu abakholiweyo ngalo ubabalo;
-
28
|Hechos 18:28|
kuba waweyisa, wawancamisa ekuhleni amaYuda, ebonakalalisa ngazo izibhalo ukuba uYesu lo unguye uKristu.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7