-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
1
|Hechos 4:1|
BakubonÂ’ ukuba bayathetha kubo abantu, ababingeleli, nomphathi wetempile, nabaSadusi, bathi gaga phezu kwabo,
-
2
|Hechos 4:2|
bebindekile ngenxa yokuba befundisa abantu, bekuxela ukuvuka kubo abafileyo ngoku kukaYesu ukuvuka.
-
3
|Hechos 4:3|
Babesa izandla, babafaka entolongweni, kwada kwaba lingomso; kuba bekuse kuhlwile.
-
4
|Hechos 4:4|
Ke kaloku into eninzi yabo babelivile ilizwi, yakholwa; lathi inani lamadoda langa limawaka mahlanu.
-
5
|Hechos 4:5|
Kwathi ke ngengomso, kwahlanganiselana eYerusalem abaphathi babo, namadoda amakhulu, nababhali,
-
6
|Hechos 4:6|
noAnas umbingeleli omkhulu, noKayafa, noYohane, noAlesandire, nabo bonke abomlibo wombingeleli omkhulu.
-
7
|Hechos 4:7|
Bathe bakuba bebamise phakathi, bababuza besithi, Le nto nina niyenze ngamandla mani na, nangagama lini na?
-
8
|Hechos 4:8|
Wandula uPetros, ezele nguMoya oyiNgcwele, wathi kubo, Nina baphathi babantu, nani madoda makhulu akwaSirayeli,
-
9
|Hechos 4:9|
ukuba thina namhlanje sincinwa ngomsebenzi wokumsiza umntu ongumlwelwe, ukuba uthiweni na ukusindiswa:
-
10
|Hechos 4:10|
makwazeke kuni nonke, nakubo bonke abantu bakwaSirayeli, ukuba kusegameni likaYesu Kristu waseNazarete, enambethelelayo emnqamlezweni nina, athe uThixo wamvusa kwabafileyo; kungaye lowo, ukuba lo mntu eme apha phambi kwenu ephilile.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7