-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
21
|Hechos 4:21|
Bathe ke bona, beqokele ngokubasongela, babandulula; bengafumani sizathu bangababetha ngaso, ngenxa yabantu; ngokuba bonke babemzukisa uThixo ngoko kwakuhlile.
-
22
|Hechos 4:22|
Kuba wayedlule emashumini amane eminyaka umntu lowo, wawuhle kuye lo mqondiso wokuphiliswa.
-
23
|Hechos 4:23|
Ke kaloku, bakundululwa, baya kwababo, babika oko zingako izinto abazithethayo kubo ababingeleli abakhulu namadoda amakhulu.
-
24
|Hechos 4:24|
Bona ke, bekuvile oko, baphakamisa izwi kuThixo ngamxhelo mnye, bathi, Mnini-nto-zonke, wena unguThixo owalenzayo izulu nomhlaba nolwandle, neento zonke ezikwezo nto;
-
25
|Hechos 4:25|
owathi ngomlomo kaDavide umkhonzi wakho, Zazibhavumelani na iintlanga, Zaza izizwe zacamanga izinto ezingento?
-
26
|Hechos 4:26|
Bazimisa ookumkani behlabathi, Nabaphathi bahlanganisana ndawonye Ngokuyichasa iNkosi, naye uKristu wayo.
-
27
|Hechos 4:27|
Kuba, inyaniso, ngaye uMkhonzi wakho oyingcwele onguYesu, owamthambisayo, kwahlanganisana uHerode, kwanoPontiyo Pilato, ndawonye neentlanga nabantu bakwaSirayeli,
-
28
|Hechos 4:28|
ukuba benze izinto zonke ezamiswayo ngenxa engaphambili sisandla sakho nalicebo lakho, ukuba zibekho.
-
29
|Hechos 4:29|
Okwangoku ke, Nkosi, zikhangele izisongelo zabo, ubanike abakhonzi bakho ukuba balithethe ilizwi lakho ngako konke ukungafihlisi,
-
30
|Hechos 4:30|
ekusoluleni isandla sakho ukuba uphilise, nokuba kubekho imiqondiso nezimanga ngegama loMkhonzi wakho oyingcwele, uYesu.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7