-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
7
|Hechos 12:7|
Yabona, naso isithunywa seNkosi, sisithi gaga phezu kwakhe, kwakhanya nokukhanya kwelo gumbi lentolongo; sambetha ecaleni uPetros, samvusa, sisithi, Phakama msinya. Yawa imixokelelwane yakhe ezandleni.
-
8
|Hechos 12:8|
Sathi kanjalo isithunywa eso kuye, Bhinqa, ubophe izixathula zakho. Wenjenjalo ke. Sithi kuye, Yithi wambu ingubo yakho, undilandele.
-
9
|Hechos 12:9|
Waphuma, wasilandela; wayengazi ukuba iyinene le nto yenziweyo ngesithunywa eso; ebeba ke ubone umbono.
-
10
|Hechos 12:10|
Begqithile ke kwelokuqala nakwelesibini iqela labalindi, bafika esangweni lentsimbi elibhekisa kuwo umzi, elathi lavuleka kubo ngokwalo; bakuphuma, bahamba isitrato sasinye; sathi kwaoko semka isithunywa eso kuye.
-
11
|Hechos 12:11|
Waza uPetros akuziqonda wathi, Kaloku ndiyazi okwenyaniso, ukuba iNkosi ithume isithunywa sayo, yandihlutha esandleni sikaHerode, nakuko konke ukulindela kwabantu bamaYuda.
-
12
|Hechos 12:12|
Uthe ke akuyiqonda loo nto, weza endlwini kaMariya, unina kaYohane ogama limbi linguMarko, apho bekuqukene khona into eyaneleyo ithandaza.
-
13
|Hechos 12:13|
AkubonÂ’ ukuba ke unkqonkqozile uPetros elucangweni lwesango, kweza kuphulaphula isicakazana esigama linguRoda.
-
14
|Hechos 12:14|
Silazile ke izwi likaPetros, asilivulanga isango, ngenxa yokuvuya; sabalekela ke phakathi, saxela ukuba uPetros umi phambi kwesango.
-
15
|Hechos 12:15|
Bathe ke bona kuso, Uyageza. Saqinisela ke sathi, Hayi, kunjalo. Babesithi ke bona, Sisithunywa sakhe.
-
16
|Hechos 12:16|
Uthe ke uPetros wamana enkqonkqoza; bathi ke bakuvula bambona, bathi nqa.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 8-10