-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
7
|Hechos 11:7|
Ndeva ke izwi lisithi kum, Vuka, Petros, xhela udle.
-
8
|Hechos 11:8|
Ndithe ke mna, Nakanye, Nkosi; ngokuba yonke into eyinqambi, nokuba yengcolileyo, ayizanga ingene emlonyeni wam.
-
9
|Hechos 11:9|
Landiphendula ke ilizwi okwesibini, liphuma ezulwini, lathi, Izinto azihlambululeyo uThixo, musa ukuzenza iinqambi wena.
-
10
|Hechos 11:10|
Oku ke kwabakho kathathu; zaza zonke ezo zinto zabuya zarholelwa ezulwini.
-
11
|Hechos 11:11|
Gqi! kwaoko amadoda amathathu, ema ngasendlwini ebendikuyo, esuswe eKesareya ukuba eze kum.
-
12
|Hechos 11:12|
Wathi ke uMoya kum, mandihambe nawo, ndingathandabuzi nto. Bahamba ke nam, naba bazalwana bobathandathu; sangena endlwini yendoda leyo;
-
13
|Hechos 11:13|
yasibikela kananjalo ukubona kwayo isithunywa sezulu endlwini yayo, esemayo sathi kuyo, Thuma amadoda eYopa, ubize eze uSimon, ogama limbi linguPetros,
-
14
|Hechos 11:14|
oya kuthetha kuwe amazwi, owosindiswa ngawo wena, nayo yonke indlu yakho.
-
15
|Hechos 11:15|
Ke kaloku, ekuqaleni kwam ukuthetha, uMoya oyiNgcwele wabawela, njengoko wasiwelayo nathi ekuqaleni.
-
16
|Hechos 11:16|
Ndakhumbula ke izwi leNkosi lokokuba ibithe, UYohane okunene wabhaptiza ngamanzi, kodwa nina niya kubhaptizwa ngoMoya oyiNgcwele.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 8-10