-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
35
|Hechos 10:35|
kwiintlanga zonke, lowo umoyikayo, asebenze ubulungisa, wamkelekile kuye.
-
36
|Hechos 10:36|
Ilizwi elo walithumelayo koonyana bakaSirayeli, eshumayela iindaba ezilungileyo zoxolo ngoYesu Kristu (nguye iNkosi yabo bonke),
-
37
|Hechos 10:37|
nina niyalazi ilizwi elenzekayo kulo lonke elakwaYuda, liqalela kwelaseGalili, emva kobhaptizo awaluvakalisayo uYohane:
-
38
|Hechos 10:38|
okokuba uThixo wamthambisa ngoMoya oyiNgcwele nangamandla uYesu waseNazarete, owagqiba ilizwe esiza, ephilisa bonke abaxinzelelweyo nguye uMtyholi; ngokuba uThixo ubenaye.
-
39
|Hechos 10:39|
Thina singamangqina ezinto zonke awazenzayo ezweni lamaYuda, kwanaseYerusalem; abamsikayo ngokumxhoma emthini.
-
40
|Hechos 10:40|
Yena lowo uThixo wamvusa ngomhla wesithathu, wenza ukuba abonakale,
-
41
|Hechos 10:41|
kungekubo abantu bonke, kukumangqina abenyuliwe ngenxa engaphambili nguThixo: kuthi thina, sadlayo saselayo naye emveni kokuvuka kwakhe kwabafileyo.
-
42
|Hechos 10:42|
Wasithethela ngelithi, masivakalise ebantwini, siqononondise ukuba yena nguye omisiweyo nguThixo, ukuba abe ngumgwebi wabaphilileyo nabafileyo.
-
43
|Hechos 10:43|
Bonke abaprofeti bayamngqinela yena lo, ukuba, ngegama lakhe, bamkeliswa uxolelo lwezono bonke abakholwayo kuye.
-
44
|Hechos 10:44|
Uthe akubonÂ’ ukuba usawathetha uPetros la mazwi, wasuka wabawela uMoya oyiNgcwele bonke ababeliva ilizwi.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 8-10