-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
25
|Hechos 10:25|
Kwathi ke, xa angenayo uPetros, uKorneli wamhlangabeza, wawa ezinyaweni zakhe, waqubuda kuye.
-
26
|Hechos 10:26|
Uthe ke uPetros wamvusa, esithi, Phakama; nam ngokwam ndingumntu.
-
27
|Hechos 10:27|
Wangena encokola naye, wabafumana bebuthelene bebaninzi.
-
28
|Hechos 10:28|
Kananjalo wathi kubo, Niyazi kakuhle nina, ukuba akusesikweni ukuthi indoda engumYuda inamathele isondele kowolunye uhlanga; mna ke uThixo undibonisile, ukuba ndingabizi mntu ngokuthi uyinqambi, ungongcolileyo.
-
29
|Hechos 10:29|
Kungoko ke ndizileyo ndingaphikanga ndakubizwa. Ndizile ke; ndiyabuza ngoko, ukuba nindibize ngandawoni na?
-
30
|Hechos 10:30|
UKorneli wathi, Kuse kuntsuku ne ndizila ukudla, kwada kwaleli lixa lemini. Ngelixa lesithoba ke bendithandaza endlwini yam, kwesuka kwathi gqi indoda, yema phambi kwam, inengubo eqaqambileyo;
-
31
|Hechos 10:31|
yathi, Korneli, umthandazo wakho uviwe, namalizo akho akhunjulwe phambi koThixo;
-
32
|Hechos 10:32|
thumela ngoko eYopa, ubize eze uSimon, ogama limbi linguPetros; lowo ulundwendwe endlwini kaSimon, umsuki wezikhumba, ngaselwandle; oya kuthi akufika athethe nawe.
-
33
|Hechos 10:33|
Ndathumela ngoko kuwe kwaoko; nawe utyaphile ufike. Kaloku ngoko sikho thina sonke emehlweni kaThixo, ukuze sizive zonke izinto ozimiselweyo nguThixo.
-
34
|Hechos 10:34|
Ke kaloku uPetros wawuvula umlomo wakhe wathi, Ndiyaqiqa okwenyaniso ukuba uThixo akamkhethi wabuso bamntu;
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 8-10