-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
15
|Hechos 10:15|
Laphinda izwi okwesibini lathi kuye, Izinto uThixo azihlambululeyo, musa ukuzenza inqambi wena.
-
16
|Hechos 10:16|
Kwabakho ke oku kathathu; sabuya isitya eso senyuswa, sasiwa ezulwini.
-
17
|Hechos 10:17|
Ke kaloku, xa uPetros wayethingaza ngaphakathi kwakhe, ukuba ungaba uyintoni na umbono lo awubonileyo, kwasuka kwathi gqi amadoda abethunyiwe evela kuKorneli, ebuza indlu kaSimon, emi esangweni;
-
18
|Hechos 10:18|
akhwaza, ebuza ukuba uSimon, ogama limbi linguPetros, ulundwendwe apha na.
-
19
|Hechos 10:19|
Ke kaloku, akubonÂ’ ukuba uPetros uyacinga ngawo umbono lowo, wathi uMoya kuye, Nanga amadoda amathathu ekufuna;
-
20
|Hechos 10:20|
suka uhle, uhambe nawo, ungathandabuzi nento, ngokokuba athunywe ndim.
-
21
|Hechos 10:21|
Wehla ke uPetros, waya kuwo amadoda abethunyiwe kuye evela kuKorneli, wathi, Niyabona, ndingulowo nimfunayo; ngumcimbi mni na enize ngawo?
-
22
|Hechos 10:22|
Athe ke wona, UKorneli umthetheli-khulu, indoda elilungisa, emoyikayo uThixo, kanjalo engqinelwe ukulunga lulo lonke uhlanga lwamaYuda, uhlatyelwe sisithunywa esingcwele ukuba akubize, uze endlwini yakhe, eve amazwi kuwe.
-
23
|Hechos 10:23|
Wawabizela phakathi ngoko, aba lundwendwe lwakhe. Ke kaloku ngengomso, uPetros wemka nawo, nabazalwana abathile baseYopa bahamba naye.
-
24
|Hechos 10:24|
Baza ngengomsomnye bangena eKesareya. Waye ke uKorneli ebalindile; wayebizele ndawonye imizalwane yakhe, nezihlobo zakhe ezibuhlungu.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 8-10