-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
28
|Hechos 9:28|
Waye enabo ke, engena ephuma eYerusalem, ethetha ngokungafihlisiyo egameni leNkosi uYesu.
-
29
|Hechos 9:29|
Wamana ethetha ephikisana namaYuda esiGrike; ayezamela ke wona ukumsika.
-
30
|Hechos 9:30|
Bekwazile ke oko abazalwana, bamhlisela eKesareya, bamthumela eTarso.
-
31
|Hechos 9:31|
Laye ke ngoko ibandla kulo lonke elakwaYuda, nelaseGalili, nelaseSamariya, linoxolo, lisakheka, lihamba liyoyika iNkosi; laye lisanda ngentuthuzelo yoMoya oyiNgcwele.
-
32
|Hechos 9:32|
Ke kaloku, akuba uPetros etyhutyha iindawo zonke, wehla weza nakwabangcwele ababemi eLida.
-
33
|Hechos 9:33|
Wafumana ke khona umntu othile, ogama linguEneya, eminyaka isibhozo elele elukhukweni enedumbe.
-
34
|Hechos 9:34|
Wathi uPetros kuye, Eneya, uyakuphilisa uYesu Kristu; vuka, wandlule. Wavuka kwaoko.
-
35
|Hechos 9:35|
Bambona bonke ababemi eLida naseSharon, babuyela eNkosini.
-
36
|Hechos 9:36|
Ke kaloku, eYopa kwakukho mfundikazi uthile, ugama linguTabhita, ekuthiwa ngentetho evakalayo nguDorkas; yena lowo wayezele yimisebenzi elungileyo, nasisisa abenaso.
-
37
|Hechos 9:37|
Wathi ke ngaloo mihla, wahliwa sisifo, wafa; bathe ke bakuba bemhlambile, bambeka egumbini eliphezulu.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7