-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
8
|Hechos 9:8|
Wavuka ke uSawule emhlabeni; wathi akuvulwa amehlo akhe, akabona mntu; bamrhola ke ngesandla, baza kumngenisa eDamasko.
-
9
|Hechos 9:9|
Waye emihla mithathu engaboni, engadli, engaseli nokusela.
-
10
|Hechos 9:10|
Ke kaloku bekukho mfundi uthile eDamasko, ugama linguHananiya; yathi iNkosi kuye embonweni, Hananiya. Uthe ke yena, Ndilapha, Nkosi.
-
11
|Hechos 9:11|
Ithe ke iNkosi kuye, Phakama, uye esitratweni ekuthiwa sesithe Tye, ubuzise endlwini kaYuda umntu ogama linguSawule waseTarso; kuba nanko ethandaza;
-
12
|Hechos 9:12|
waye ebone embonweni indoda egama linguHananiya ingena, ibeka isandla phezu kwakhe, ukuze abuye abone.
-
13
|Hechos 9:13|
Uphendule ke uHananiya wathi, Nkosi, ndivile kwabaninzi ngale ndoda, ukuba zinkulu kwazo izinto ezimbi ezenze kwabangcwele bakho eYerusalem;
-
14
|Hechos 9:14|
nalapha, ikho nje, inegunya kubabingeleli abakhulu lokukhonkxa bonke abo balinqulayo igama lakho.
-
15
|Hechos 9:15|
Yathi ke kuye iNkosi, Yiya; ngokuba lowo usisitya esinyuliweyo ndim, sokuphatha igama lam emehlweni eentlanga, nookumkani, kwanoonyana bakaSirayeli;
-
16
|Hechos 9:16|
kuba mna ndiya kumbonisa ukuba zinkulu kwezinto ezinzima, amelwe kukuziva ngenxa yegama lam.
-
17
|Hechos 9:17|
Wemka ke uHananiya, waya kungena endlwini; ebeke izandla phezu kwakhe, wathi, Sawule, mzalwana, indithumile iNkosi uYesu, ebonakele kuwe endleleni oze ngayo, ukuze ubuye ubone, uzaliswe nguMoya oyiNgcwele.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7