-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
18
|Hechos 9:18|
Kwaoko kwawa emehlweni akhe izinto ezingathi ziinkwethu; wabuya wabona kwaoko, wavuka, wabhaptizwa;
-
19
|Hechos 9:19|
wathi akuba edlile, womelezeka. Ke kaloku uSawule waba nemihla ethile kubafundi abaseDamasko.
-
20
|Hechos 9:20|
Waye kwaoko, ezindlwini zesikungu, emvakalisa uYesu, ukuba lowo unguye uNyana kaThixo.
-
21
|Hechos 9:21|
Bathi nqa ke bonke abamvayo, bathi, Lo kanene asinguye na owababhuqa eYerusalem abo babelinqula eli gama? Waye nalapha ezele le nto, ukuba abase bekhonkxiwe kubabingeleli abakhulu.
-
22
|Hechos 9:22|
Kwaba kukhona ke womelelayo uSawule; wabetha adubadubeka amaYuda abemi eDamasko, ebonakalalisa ukuba lo nguye uKristu. Ke kaloku, kwakuzaliseka imihla eyaneleyo, abhunga amaYuda ukuba amsike.
-
23
|Hechos 9:23|
Laziwa ke nguSawule iyelenqe lawo elo.
-
24
|Hechos 9:24|
Awagcina ke namasango imini nobusuku, ukuba amsike.
-
25
|Hechos 9:25|
Bamthabatha ke abafundi ebusuku, bamhlisa ngodonga, bemthoba ngengobozi.
-
26
|Hechos 9:26|
Ke kaloku, akufika uSawule eYerusalem, wamana elinga ukuzibandakanya nabafundi; kodwa bamoyika bonke, bengakholwa ukuba ungumfundi.
-
27
|Hechos 9:27|
UBharnabhas ke wamthabatha wamsa kubapostile, wabacacisela ukuyibona kwakhe iNkosi endleleni, nokuba yathetha naye, nokuthetha kwakhe ngokungafihlisiyo eDamasko egameni likaYesu.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7