-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
28
|Hechos 8:28|
Yayibuya, ihleli enqwelweni yayo, ilesa incwadi yomprofeti uIsaya.
-
29
|Hechos 8:29|
Uthe ke uMoya kuFilipu, Yiya ukhwele kule nqwelo.
-
30
|Hechos 8:30|
Wabaleka ke uFilipu, waya kuyo, wayiva ilesa incwadi yomprofeti uIsaya; wathi, Uyaziqonda na kodwa izinto ozilesayo?
-
31
|Hechos 8:31|
Ithe ke yona, Ndingaba nako ngani na, kungekho undikhokelayo nje? Kanjalo yambongoza uFilipu ukuba akhwele ahlale nayo.
-
32
|Hechos 8:32|
Ke kaloku indawo yesibhalo eyayilesa yona ibiyile ithi, Njengemvu esiwa ekuxhelweni, Njengemvana esisimumu phambi komchebi wayo, Wenjenjalo yena ukungawuvuli umlomo wakhe.
-
33
|Hechos 8:33|
Ekuthobekeni kwakhe umgwebo wakhe wasuswa; Ngubani na ke owosicacisa ukusixela isizukulwana sakhe? Ngokuba buyasuswa ubomi bakhe emhlabeni.
-
34
|Hechos 8:34|
Laphendula ke ithenwa lathi kuFilipu, Ndiyakukhunga, umprofeti lo uyithetha ngabani na le nto; uzithetha yena na, uthetha mntu wumbi, kusini na?
-
35
|Hechos 8:35|
Wawuvula ke uFilipu umlomo wakhe, waqalela kweso sibhalo, walishumayeza iindaba ezilungileyo zikaYesu.
-
36
|Hechos 8:36|
Ke kaloku, xa bahambayo ngendlela, bafika manzini athile; lathi ithenwa, Nanga amanzi; kwala ntoni na ukuba ndingabhaptizwa?
-
37
|Hechos 8:37|
Uthe ke uFilipu, Ukuba uyakholwa ngentliziyo yakho iphela, kuvumelekile. Laphendula ke lathi, Ndiyakholwa ukuba uYesu Kristu unguNyana kaThixo.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7