-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
20
|Hechos 22:20|
naxeshikweni laphalazwayo igazi likaStefano, ingqina lakho, ndaye ndimi kufuphi nam, ndikuthakazela ukusikwa kwakhe, ndizigcinile iingubo zabo babemsika.
-
21
|Hechos 22:21|
Yathi kum, Hamba; ngokuba mna ndiya kukuthuma kude kwiintlanga.
-
22
|Hechos 22:22|
Bamphulaphula ke, wada wafika kwelo lizwi, baza baphakamisa izwi labo besithi, Msuseni emhlabeni umntu onje; kuba akufanelekile ukuba adle ubomi.
-
23
|Hechos 22:23|
Ke kaloku, bakubonÂ’ ukuba bayankqangaza, belahla iingubo zabo, bephosa uthuli esibhakabhakeni,
-
24
|Hechos 22:24|
wathi umthetheli-waka, makangeniswe enqabeni yomkhosi; wathi makancinwe ngekatsi, ukuze azi ukuba kungathuba lini na ukuba benjenje ukunkqangaza ngaye.
-
25
|Hechos 22:25|
Ke kaloku, xa bamolulayo ngeentambo, wathi uPawulos kumthetheli-khulu obemi khona, Kuvumelekile na, ukuba nimtyakatye umntu ongumRoma, engagwetywanga nokugwetywa?
-
26
|Hechos 22:26|
Evile ke umthetheli-khulu, waya wabika kumthetheli-waka, esithi, Yilumkele into oza kuyenza; kuba lo mntu ungumRoma.
-
27
|Hechos 22:27|
Weza ke umthetheli-waka wathi kuye, Ndixelele, ungumRoma na? Wathi ke yena, Ewe.
-
28
|Hechos 22:28|
Waphendula umthetheli-waka wathi, Mna ukungeniswa kwam kulo mzi waseRoma, ndakuzuza ngenani elikhulu. Wathi ke uPawulos. Ke mna ndizelwe ndinako.
-
29
|Hechos 22:29|
Basuka kuye kwaoko ngoko abo babeza kumncina; woyika ke nomthetheli-waka akuqonda ukuba ungumRoma, nangenxa yokuba ebembophile.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7