-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
10
|Hechos 22:10|
Ndathi ke, Ndithini na, Nkosi? Yathi ke iNkosi kum, Vuka, uye eDamasko; woxelelwa khona ngazo zonke izinto ozimiselweyo ukuba uzenze.
-
11
|Hechos 22:11|
Ndakuba ke ndingenakondela ngenxa yobuqaqawuli bolo lukhanyiselo, ndarholwa ngesandla ngabo babenam, ndafika eDamasko.
-
12
|Hechos 22:12|
Ke kaloku, Hananiya uthile, indoda emhlonelayo uThixo ngokomthetho, engqinelwe kakuhle ngawo onke amaYuda amiyo khona,
-
13
|Hechos 22:13|
weza kum, wema kufuphi, wathi kum, Sawule, mzalwana, buya ubone. Ndaza mna kwangelo lixa ndabheka phezulu kuye.
-
14
|Hechos 22:14|
Wathi ke yena, UThixo woobawo bethu ukumisile wena ukuba ukwazi ukuthanda kwakhe, umbone lowo uliLungisa, uve ilizwi eliphuma emlonyeni wakhe;
-
15
|Hechos 22:15|
ngokuba uya kuba lingqina lakhe kubo bonke abantu, lezinto ozibonileyo nozivileyo.
-
16
|Hechos 22:16|
Nakaloku usalibele yini na? SukÂ’ ume, ubhaptizwe, uhlambulule izono zakho, unqula igama leNkosi.
-
17
|Hechos 22:17|
Ke kaloku kwathi, ndakuba ndibuyele eYerusalem, ndakubonÂ’ ukuba ndiyathandaza etempileni, ndaba sethongweni;
-
18
|Hechos 22:18|
ndayibona isithi kum, Ngxama, uphume kamsinya eYerusalem; ngokokuba bengayi kubamkela ubungqina bakho ngam.
-
19
|Hechos 22:19|
Ndathi mna, Nkosi, bayazi kakuhle bona ukuba mna ndandibafaka entolongweni, ndibatyabula kuzo zonke izindlu zesikhungu abo bakholwayo kuwe;
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7