-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
20
|Hechos 21:20|
Bathe ke bona bakukuva oko, bayizukisa iNkosi, batsho nokuthi kuye, Uyabona, mzalwana, oko angako amawakawaka amaYuda akholiweyo; abe ke onke ewuzondelele umthetho.
-
21
|Hechos 21:21|
Atyelwe ke ngawe, ukuba uyawafundisa onke amaYuda aphakathi kweentlanga, ukuba ahlukane noMoses, usithi, makangabalusi abantwana bawo, angahambi ngawo amasiko.
-
22
|Hechos 21:22|
Kuthiweni na ke? Kakade kuya kuhlanganisana inkitha; kuba aya kuva ukuba ufikile.
-
23
|Hechos 21:23|
Ngoko yenza le nto sikuxelela yona: kukho kuthi apha amadoda amane, anesibambiso azibophe ngaso;
-
24
|Hechos 21:24|
wathabathe ke, uzenze nyulu kunye nawo, ube nokudleka ngenxa yawo, ukuze agugule iintloko; bazi bonke ukuba ezo nto bazityelweyo ngawe azilutho, nawe ngokwakho uhambe uwugcinile umthetho.
-
25
|Hechos 21:25|
Kodwa ngazo iintlanga ezikholiweyo, sabhala sagqiba kwelokuba zingabambi nto injalo; kuphela ibe kukuzigcina entweni ebingelelwe izithixo, nasegazini, nasentweni ekrwitshiweyo, nasembulweni.
-
26
|Hechos 21:26|
Wandula uPawulos wawathabatha ke amadoda lawo, wathi ngengomso, ezenze nyulu kunye nawo, wangena etempileni, eqondisisa inzaliseko yeentsuku zokwenza nyulu, ude usondezwe umnikelo ngenxa yabo bonke ngabanye.
-
27
|Hechos 21:27|
Ke kaloku, xa iintsuku ezisixhenxe ezo beziza kuphela, athi amaYuda avela kwelaseAsiya, akumbona etempileni, asidubaduba sonke isihlwele, amsa izandla,
-
28
|Hechos 21:28|
enkqangaza esithi, Madoda, maSirayeli, sizani. Nanku lo mntu ufundisa bonke ezindaweni zonke okuchasene nabantu, nomthetho, nale ndawo; othe ngaphezu koko wawangenisa amaGrike etempileni, wayenza inqambi le ndawo ingcwele.
-
29
|Hechos 21:29|
Kuba abebone ngeenxa engaphambili uTrofimo wase-Efese, ndawonye naye phakathi komzi; abeba uPawulos umngenise etempileni.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7