-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
38
|Hechos 20:38|
bebuhlungu kakhulu, ngokukodwa lilizwi alithethileyo lokuthi, abasayi kubuya babubone ubuso bakhe. Bamphelekelela ke, baya emkhombeni.
-
1
|Hechos 21:1|
Ke kaloku kwathi, sakunduluka ngomkhombe, siziqhawule kubo, see ngqo seza eKos; ngomhla olandelayo ke seza eRodo, sesuka apho seza ePatara.
-
2
|Hechos 21:2|
Sathi, sifumene umkhombe uwelela kwelaseFenike, sangena kuwo sanduluka.
-
3
|Hechos 21:3|
Sithe sakuthi thu ke eSipro, sayishiya ngasekhohlo, saya ngomkhombe kwelaseSiriya, saphuma eTire; kuba umkhombe ubuya kuyithula apho impahla.
-
4
|Hechos 21:4|
Sathi sibafumene abafundi, sahlala khona iintsuku zasixhenxe; bona babesithi kuPawulos ngoMoya, makangenyuki aye eYerusalem.
-
5
|Hechos 21:5|
Ke kaloku sithe, xa sizigqibileyo iintsuku ezo, saphuma sahamba; besiphelekelela bonke, ndawonye nabafazi nabantwana, sada sangaphandle komzi; saguqa ngamadolo elunxwemeni, sathandaza.
-
6
|Hechos 21:6|
Sathi sibulisene nabo, sangena emkhombeni thina, bona ke babuyela emakhaya.
-
7
|Hechos 21:7|
Sathi ke thina, sakulufeza uhambo ngomkhombe sivela eTire, safika eTolimayi, sababulisa abazalwana, sahlala nabo usuku lwalunye.
-
8
|Hechos 21:8|
Ke kaloku ngengomso, thina besinoPawulos, semka seza eKesareya; sangena endlwini kaFilipu, umshumayeli weendaba ezilungileyo, obengowabaya basixhenxe, sahlala kuye.
-
9
|Hechos 21:9|
Lowo ke wayeneentombi ezine, ziseziintombi, ziprofeta.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7