-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
8
|Hechos 20:8|
Zaye ke izibane zanele egumbini eliphezulu, apho babehlanganisene khona.
-
9
|Hechos 20:9|
Kwakuhleli ke efestileni ndodana ithile ingama linguYutiko, isindwa bubuthongo obukhulu. AkubonÂ’ ukuba ke uPawulos kukade exoxa, yoyiswa bubuthongo, yawa phantsi isuka kolwesithathu udidi, yafunqulwa ifile.
-
10
|Hechos 20:10|
Ehlile ke uPawulos, waziphosa phezu kwayo; eyiwolile wathi, Musani ukwenza isiphithiphithi; kuba umphefumlo wayo ukuyo.
-
11
|Hechos 20:11|
Wenyuka ke, waqhekeza isonka, wadla; kananjalo waxoxa ngokwaneleyo kwada kwasa, wemka njalo.
-
12
|Hechos 20:12|
Bamzisa ke umfana lowo ehleli, bathuthuzeleka ngokungenamlinganiselo.
-
13
|Hechos 20:13|
Ke kaloku thina sandulela saya emkhombeni, sasinga eAso, apho besiza kumthabatha khona uPawulos; kuba ebemisele ngokunjalo, yena eza kuhamba ngeenyawo.
-
14
|Hechos 20:14|
Sithe ke, akuhlangana nathi eAso, samthabatha seza eMitilene.
-
15
|Hechos 20:15|
Sesuka apho ngomkhombe, ngengomso safika malungana neKiyo; sathi ke ngengomsomnye sagaleleka eSamo, sahlala eTrogiliyo; ngolandelayo seza eMileto.
-
16
|Hechos 20:16|
Kuba uPawulos wagqiba kwelokuba kudlulwe ngomkhombe e-Efese, ukuze angabi nakwenza xesha lide kwelaseAsiya; kuba wayekhawulezele ukuthi, ukuba unako, awenze umhla wepentekoste eYerusalem.
-
17
|Hechos 20:17|
Ke kaloku eMileto apho wathumela e-Efese, wawabizela khona amadoda amakhulu alo ibandla.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Números 17-19