-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
29
|Hechos 19:29|
Wazala umzi uphela sisidubedube; besuka indulumbane ngamxhelo mnye endaweni yokubonela, bamthi hlasi uGayo noAristarko, abelaseMakedoni, ababehamba noPawulos.
-
30
|Hechos 19:30|
Uthe ke uPawulos, enga angangena entlanganisweni yabantu, abamvumela abafundi.
-
31
|Hechos 19:31|
Abathile ke bakubaphathi belaseAsiya, benobuhlobo kuye, bathumela kuye, bambongoza ukuba angazinikeli endaweni yokubonela.
-
32
|Hechos 19:32|
Abanye ke ngoko babenkqangaza enye into, abanye yimbi, kuba ibandla labe lidubadubekile; baye abaninzi bengazi ukuba babuthelene ngenxa yantoni na.
-
33
|Hechos 19:33|
Bamrhola ke esihlweleni uAlesandire, akubonÂ’ ukuba amaYuda amtyhalela phambili; uwangawangisile ke uAlesandire ngesandla, wafuna ukuziphendulela eluntwini.
-
34
|Hechos 19:34|
Kodwa bakuqonda ukuba ungumYuda, benza inzwinini enye bonke bephela, benkqangaza umzuzu omaxa mabini, besithi, Mkhulu uArtemis wabase-Efese!
-
35
|Hechos 19:35|
Esizolisile ke umbhali isihlwele, uthe, Madoda ase-Efese, kanene nguwuphi na umntu ongaziyo, ukuba umzi wase-Efese ungumgcini-tempile wothixokazi omkhulu uArtemis, nowomfanekiselo owawa kuZeyus.
-
36
|Hechos 19:36|
Zingenakuphikwa nje ke ezo zinto, nimelwe kukuthi nizole, ningenzi nanye into ngobutyhuthu-tyhuthu,
-
37
|Hechos 19:37|
Kuba niwazise apha la madoda, engebaphangi batempile, nabanyelisi bothixokazi wenu.
-
38
|Hechos 19:38|
Ukuba ke ngoko uDemetriyo neengcibi ezinaye banendawo emntwini, zikho iimini zamatyala, akho namabamba; mabamangalelane.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Mateo 5-7