-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
27
|Hechos 18:27|
Ke kaloku, akubonÂ’ ukuba unga angadlula aye kwelaseAkaya, abazalwana babhala bebayala abafundi ukuba bamamkele; owathi akufika, wabanceda kakhulu abakholiweyo ngalo ubabalo;
-
28
|Hechos 18:28|
kuba waweyisa, wawancamisa ekuhleni amaYuda, ebonakalalisa ngazo izibhalo ukuba uYesu lo unguye uKristu.
-
1
|Hechos 19:1|
Ke kaloku kwathi, xa uApolo aseKorinte, uPawulos, ewatyhutyhile amacala asentla, weza e-Efese;
-
2
|Hechos 19:2|
wafumana bafundi bathile, wathi kubo, UMoya oyiNgcwele namamkela na, nakholwayo nje? Bathi ke bona kuye, Asizanga sive nokuva ukuba kukho uMoya oyiNgcwele.
-
3
|Hechos 19:3|
Wathi kubo, Nanibhaptizelwe enini na phofu? Bathe ke bona, Elubhaptizweni lukaYohane.
-
4
|Hechos 19:4|
Wathi ke uPawulos, UYohane okunene wabhaptiza ubhaptizo lwenguquko, esithi ebantwini, mabakholwe kulowo uzayo emva kwakhe, oko kukuthi, kuKristu Yesu.
-
5
|Hechos 19:5|
Bevile ke, babhaptizelwa egameni leNkosi uYesu.
-
6
|Hechos 19:6|
Uthe uPawulos akubeka izandla phezu kwabo, wehla uMoya oyiNgcwele phezu kwabo, baye bethetha ngeelwimi, beprofeta.
-
7
|Hechos 19:7|
Aye ke amadoda lawo ewonke engathi alishumi elinamabini.
-
8
|Hechos 19:8|
Ke kaloku, wangena endlwini yesikhungu, wathetha ngokungafihlisiyo iinyanga zantathu, exoxa nabantu, ebeyisela kwizinto ezingabo ubukumkani bukaThixo.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 8-10