-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
7
|Hechos 18:7|
Esuka khona, weza endlwini yothile ogama linguYusto, omhlonelayo uThixo, ondlu yayamene nendlu yesikhungu.
-
8
|Hechos 18:8|
Uthe ke uKrispo, umphathi wendlu yesikhungu, wakholwa yiNkosi, nendlu yakhe iphela; nento eninzi yamaKorinte yakuva yakholwa, yabhaptizwa.
-
9
|Hechos 18:9|
Yathi ke iNkosi ngombono ebusuku kuPawulos, Musa ukoyika, thetha ungathi tu;
-
10
|Hechos 18:10|
ngokokuba mna ndinawe, kanjalo akukho namnye uya kukusa sandla, akuphathe kakubi; ngokokuba ndinabantu abaninzi kulo mzi.
-
11
|Hechos 18:11|
Wahlala khona ke umnyaka oneenyanga ezintandathu, efundisa ilizwi likaThixo phakathi kwabo.
-
12
|Hechos 18:12|
Ke kaloku, akubonÂ’ ukuba uGaliyo ulibamba kwelaseAkaya, amwela uPawulos amaYuda ngamxhelo mnye, amsa esihlalweni sokugweba,
-
13
|Hechos 18:13|
esithi, Lo uzamela ukweyisa abantu ukuba bamhlonele uThixo ngokunxamnye nomthetho.
-
14
|Hechos 18:14|
Uthe ke xa uPawulos aza kuvula umlomo, wathi uGaliyo kumaYuda, Ukuba ke ngoko ibiyinto yentswela-bulungisa, nokuba ibiyeyobutshijolo obungendawo, maYuda, ngekufanelekile ukuba ndininyamezele;
-
15
|Hechos 18:15|
kodwa ukuba yimbuzwano ngelizwi, namagama, nomthetho ongowenu, zikhangeleleni nina; kuba mna andingi ndingaba ngumgwebi wezo zinto.
-
16
|Hechos 18:16|
Wawagxotha esihlalweni sokugweba.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 8-10