-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
31
|Hechos 17:31|
ngokokuba emise umhla, aza kuligweba ngawo elimiweyo ngobulungisa, ngendoda awayimisayo, ebanike bonke ukholo ngokuyivusa kwabafileyo.
-
32
|Hechos 17:32|
Ke kaloku, bakuva ngokuvuka kwabafileyo, inxenye yayihlekisa ngaloo nto, abanye bathi, Sobuya sikuve wena ngale nto.
-
33
|Hechos 17:33|
Waphuma njalo ke uPawulos phakathi kwabo.
-
34
|Hechos 17:34|
Kodwa amadoda athile anamathele kuye, akholwa, anoDiyonisiyo waseAreyopago, nomfazi ogama linguDamari, nabanye ndawonye nabo.
-
1
|Hechos 18:1|
Ke kaloku, emva kwezi zinto, wahlukana uPawulos neAtene, weza eKorinte.
-
2
|Hechos 18:2|
Wafumana umYuda othile wasePonto ngokuzalwa, ogama linguAkwila, esandula ukuvela eItali, noPrisila umkakhe, weza kubo (ngenxa yokuba uKlawudiyo ebemise ukuthi, makahlukane neRoma onke amaYuda).
-
3
|Hechos 18:3|
Kuthe ke, ngenxa yokuba belilinye ishishini labo, waselehlala nabo esebenza; kuba babengabenzi beentente, ishishini labo.
-
4
|Hechos 18:4|
Wayexoxa ke endlwini yesikhungu iisabatha ngeesabatha zonke, ezamela ukweyisa amaYuda namaGrike.
-
5
|Hechos 18:5|
Ke kaloku, bakuhla bevela kwelaseMakedoni ooSilas noTimoti, uPawulos waxinwa ngumoya, waqononondisa kumaYuda ukuba uYesu lo nguye uKristu.
-
6
|Hechos 18:6|
Uthe ke, akuchasa, akunyelisa, wavuthulula iingubo zakhe, wathi kuwo, Igazi lenu malibe phezu kwentloko yenu; ndihlambulukile mna; kuthabathela kweli xesha, ndiya kuya kwiintlanga.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 8-10