-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
39
|Hechos 19:39|
Ke ukuba nifuna into nganto zimbi, yoconjululwa kwesesikweni intlanganiso.
-
40
|Hechos 19:40|
Kuba sizizichenge zokumangalelwa ngesaqunge sanamhla, kungekho nasinye isizathu nje, esingaba nako ngaso ukwenza ilizwi ngale mbuthumbuthu.
-
41
|Hechos 19:41|
Akutsho, wayindulula intlanganiso.
-
1
|Hechos 20:1|
Ke kaloku, emva kokuphela kwesiphithiphithi eso, uPawulos wababizela kuye abafundi, wababulisa, waphuma waya kwelaseMakedoni.
-
2
|Hechos 20:2|
Ewatyhutyhile ke loo macala, ebayalile ngokuthetha okukhulu, weza kwelamaGrike.
-
3
|Hechos 20:3|
Wenza apho iinyanga zantathu. Uthe ke, kwakwenziwa iyelenqe ngaye ngamaYuda, xa aza kuya ngomkhombe kwelaseSiriya, wagqiba kwelokuba acande kwelaseMakedoni ngokubuya.
-
4
|Hechos 20:4|
Waphelekelelwa ke, kwada kweza kwelaseAsiya, nguSopatro waseBhereya; kumaTesalonika ke yanguAristarko noSekundo; noGayo waseDerbhe, noTimoti; kwabelaseAsiya yanguTikiko noTrofimo;
-
5
|Hechos 20:5|
abo basandulela, basilinda eTrowa.
-
6
|Hechos 20:6|
Semka ke thina ngomkhombe eFilipi, emva kwemihla yezonka ezingenagwele, seza kubo eTrowa ngeentsuku ezintlanu; salibala khona iintsuku zasixhenxe.
-
7
|Hechos 20:7|
Ke kaloku, ngolokuqala usuku lweveki, bakubonÂ’ ukuba abafundi bahlanganisene ukuba baqhekeze isonka, uPawulos wayexoxa nabo, eza kumka ngengomso; wayolula intetho yakhe kwada kwaphakathi kobusuku.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7