-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
40
|Génesis 36:40|
Ngawo la amagama ezikhulu zakwaEsawu ngokwezizwe zazo, ngokweendawo zazo, ngamagama azo: isikhulu esinguTimna, isikhulu esinguAleva, isikhulu esinguYetete,
-
41
|Génesis 36:41|
isikhulu esinguAholibhama, isikhulu esinguEla, isikhulu esinguPinon,
-
42
|Génesis 36:42|
isikhulu esinguKenazi, isikhulu esinguTeman, isikhulu esinguMibhetsare,
-
43
|Génesis 36:43|
isikhulu esinguMagediyeli, isikhulu esinguIram. Zizo ezo izikhulu zakwaEdom, ngokwamakhaya azo, ezweni lokuma kwazo. NguEsawu ke lowo uyise wamaEdom.
-
1
|Génesis 37:1|
Ke kaloku uYakobi wahlala ezweni lokuphambukela kukayise, ezweni lakwaKanan.
-
2
|Génesis 37:2|
Yiyo le ke inzala kaYakobi. UYosefu, engominyaka ilishumi linesixhenxe ezelwe, wayesalusa impahla emfutshane ndawonye nabakhuluwa bakhe; yena ke, engumfana, wayenoonyana bakaBhiliha, noonyana bakaZilipa, abafazi bakayise. UYosefu wazisa udaba lwabo olubi kuyise.
-
3
|Génesis 37:3|
USirayeli wayemthanda uYosefu ngaphezu kwabo bonke oonyana bakhe, ngokuba ebengunyana wokwaluphala kwakhe; yena wamenzela ke ingubo ende enemikhono.
-
4
|Génesis 37:4|
Abakhuluwa bakhe babona ukuba uyise umthanda ngaphezu kwabo bonke, bamthiya, ababa nakuthetha naye bexolile.
-
5
|Génesis 37:5|
UYosefu waphupha iphupha, wabaxelela abakhuluwa bakhe; kwaba kukhona bamthiyayo.
-
6
|Génesis 37:6|
Wathi kubo, Khanilive eli phupha ndiliphuphileyo.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 8-10