-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
17
|Génesis 37:17|
Wathi umfo, Bandulukile apha, kuba khendeva besithi, Masiye eDotan. UYosefu wabalandela abakhuluwa bakhe, wabafumana eDotan.
-
18
|Génesis 37:18|
Bambona ke esekude, engekasondeli kubo, benza iyelenqe lokumbulala.
-
19
|Génesis 37:19|
Bathetha omnye komnye besithi, Nanko lo mphuphi esiza.
-
20
|Génesis 37:20|
Yizani ke ngoko, simbulale, simphose komnye wemihadi, sithi, Udliwe lirhamncwa, size sibone ukuba amaphupha akhe oba yintoni na.
-
21
|Génesis 37:21|
Weva uRubhen, wamhlangula esandleni sabo; wathi, Masingambulali afe.
-
22
|Génesis 37:22|
Wathi uRhubhen kubo, Musani ukuphalaza gazi; mphoseni kulo mhadi usentlango; musani ukumsa sandla. Watsho, ukuze amhlangule esandleni sabo, ambuyisele kuyise.
-
23
|Génesis 37:23|
Kwathi akufika uYosefu kubakhuluwa bakhe, bamhluba uYosefu ingubo yakhe, ingubo ende enemikhono abenayo;
-
24
|Génesis 37:24|
bamthabatha, bamphosa emhadini; umhadi lowo ube uze, kungekho manzi kuwo.
-
25
|Génesis 37:25|
Bahlala phantsi, badla isonka; baphakamisa amehlo abo, bakhangela, nango umkhoko wamaIshmayeli uvela eGiliyadi, uneenkamela zithwele intlaka emhlophe, namafutha aqholiweyo, nentlaka emnandi, besihla nazo besiya eYiputa.
-
26
|Génesis 37:26|
UYuda wathi kubazalwana bakhe, Yinzuzoni na ukuthi simbulale umninawa wethu, sifihle igazi lakhe?
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 8-10