-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
27
|Génesis 37:27|
Yizani sithengise ngaye kumaIshmayeli; isandla sethu masingabi phezu kwakhe, ngokuba ngumzalwana wethu, yinyama yethu. Bamphulaphula abazalwana bakhe.
-
28
|Génesis 37:28|
Adlula amaMidiyan lawo angabarhwebi; bamrhola, bamkhupha uYosefu emhadini, bathengisa ngoYosefu kumaIshmayeli ngeesilivere ezimashumi mabini; amsa uYosefu eYiputa.
-
29
|Génesis 37:29|
Wabuyela uRubhen emhadini. Yini? UYosefu akakho emhadini; wazidrazula iingubo zakhe.
-
30
|Génesis 37:30|
Wabuyela kubaninawa bakhe, wathi, Umfana akakho; mna ke ndosuka ndiye ngaphi na?
-
31
|Génesis 37:31|
Bayithabatha ingubo kaYosefu, baxhela inkunzi yebhokhwe exhonti, bayithi nkxu ingubo egazini.
-
32
|Génesis 37:32|
Bayithumela ingubo ende enemikhono ekhaya, bayisa kuyise, bathi, Siyichole; khawufanise, ukuba yingubo yonyana wakho, asiyiyo, sini na?
-
33
|Génesis 37:33|
Wayifanisa, wathi, Yingubo yonyana wam; udliwe lirhamncwa; inene, uqwengiwe uYosefu.
-
34
|Génesis 37:34|
UYakobi wazikrazula iingubo zakhe, wabeka ezirhwexayo esinqeni sakhe, wamenzela isijwili unyana wakhe imihla emininzi.
-
35
|Génesis 37:35|
Besuka bonke oonyana bakhe nazo zonke iintombi zakhe, beza kumthuthuzela; akavuma kuthuthuzelwa, wathi, Ndiya kuhla ndiye kunyana wam kwelabafileyo, ndisenza isijwili. Uyise wamlilela ke.
-
36
|Génesis 37:36|
AmaMidiyan aya athengisa ngaya eYiputa kuPotifare, umbusi wakwaFaro, umthetheli wabasiki.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 8-10