-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
1
|Génesis 39:1|
Ke kaloku uYosefu wahliswa wasiwa eYiputa. UPotifare, umbusi wakwaFaro, umthetheli wabasiki, umYiputa, wamthenga kumaIshmayeli, abemhlisele khona.
-
2
|Génesis 39:2|
UYehova waba naye uYosefu, waba yindoda enempumelelo; waba sendlwini yenkosi yakhe, umYiputa lowo.
-
3
|Génesis 39:3|
Yabona inkosi yakhe ukuba uYehova unaye, ukuba zonke izinto abezenza, uYehova ubezenza zibe nempumelelo esandleni sakhe.
-
4
|Génesis 39:4|
UYosefu wababalwa emehlweni ayo, wayilungiselela; yamenza umveleli wendlu yayo, neento zonke ebinazo yazinikela esandleni sakhe.
-
5
|Génesis 39:5|
Kwathi, ukususela ekubeni yamenza umveleli wendlu yayo neento zonke ebinazo, wayisikelela uYehova indlu yomYiputa lowo ngenxa kaYosefu. Yabakho intsikelelo kaYehova ezintweni zonke ebinazo, endlwini nasezindle.
-
6
|Génesis 39:6|
Zonke izinto ebinazo yaziyekela esandleni sikaYosefu, ayakhathalela nanye into ebikuye, ingesiso isonka esidlayo. Ke uYosefu ebemhle isiqu, emhle imbonakalo.
-
7
|Génesis 39:7|
Kwathi emveni kwezi zinto, umfazi wenkosi yakhe waphosa amehlo akhe kuYosefu, wathi, Ndilale.
-
8
|Génesis 39:8|
Wamangala, wathi kumka-nkosi yakhe, Yabona, inkosi yam ayikhathalele nto ikum isendlwini, nezinto zonke enazo izinikele esandleni sam.
-
9
|Génesis 39:9|
Akukho bani mkhulu kum kule ndlu; ayinqabisanga nento le kum, nguwe wedwa, ngokokuba ungumkayo; ndingathini na ke ukwenza obu bubi bukhulu kangaka, ndone kuThixo?
-
10
|Génesis 39:10|
Kwathi, nakuba ebethetha kuYosefu imihla ngemihla, akamphulaphula yena ukuba alale ecaleni lakhe, nokuthi abe naye.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 8-10