-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
8
|Génesis 40:8|
Bathi kuye, Siphuphe iphupha; akukho ulityhilayo. UYosefu wathi kubo, Izityhilo asizezikaThixo na? Khanindixelele iphupha elo.
-
9
|Génesis 40:9|
Umphathi wabangcamli wamxelela uYosefu iphupha lakhe, wathi kuye, Ephupheni lam ndibone umdiliya uphambi kwam;
-
10
|Génesis 40:10|
emdiliyeni apho amasebe emathathu, wangathi wona uphuma amathupha, wadubula iintyantyambo zawo, izihloko zawo zavuthwa zaziidiliya;
-
11
|Génesis 40:11|
indebe kaFaro isesandleni sam; ndizithabathe iidiliya, ndizifaxange endebeni kaFaro, ndiyinikele indebe esandleni sikaFaro.
-
12
|Génesis 40:12|
UYosefu wathi kuye, Siso esi isityhilo salo: amasebe amathathu lawo yimihla emithathu;
-
13
|Génesis 40:13|
kusele imihla emithathu, aze uFaro ayiphakamise intloko yakho, akubuyisele endaweni yakho, uyinikele indebe kaFaro esandleni sakhe ngokwesiko langaphambili, oko ubungumngcamli wakhe.
-
14
|Génesis 40:14|
Uze undikhumbule ke, wakulungelwa, undenzele inceba, undikhankanye kuFaro, undikhuphe kule ndlu;
-
15
|Génesis 40:15|
ngokuba inene ndabiwa ezweni lamaHebhere, nalapha andenzanga nto, ukuba bandifake emhadini lo.
-
16
|Génesis 40:16|
Umphathi waboji-zonka wabona ukuba isityhilo eso silungile, wathi kuYosefu, Nam ndiphuphile; ndibone iingobozi ezintathu zezonka ezimhlophe ezisentlokweni yam;
-
17
|Génesis 40:17|
engobozini ephezulu kukho izidlo ngezidlo zonke zikaFaro ezingumsebenzi womoji-zonka, iintaka zisidla kweyona ngobozi iphezulu entlokweni yam.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 8-10