-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
18
|Génesis 40:18|
Waphendula uYosefu wathi, Siso esi isityhilo salo: iingobozi ezintathu ezo yimihla emithathu;
-
19
|Génesis 40:19|
kusele imihla emithathu, aze uFaro ayiphakamise intloko yakho, isuke kuwe, akuxhome emthini, ziyidle iintaka inyama yakho iphele.
-
20
|Génesis 40:20|
Kwathi ngomhla wasithathu, umhla wokuzalwa kukaFaro, wabenzela isidlo bonke abakhonzi bakhe, wayiphakamisa intloko yomphathi wabangcamli, nentloko yomphathi waboji bezonka phakathi kwabakhonzi bakhe.
-
21
|Génesis 40:21|
Wambuyisela umphathi wabangcamli kubungcamli bakhe; wayinikela indebe esandleni sikaFaro.
-
22
|Génesis 40:22|
Ke yena umphathi waboji bezonka wamxhoma, njengoko uYosefu wabatyhilelayo.
-
23
|Génesis 40:23|
Umphathi wabangcamli akamkhumbulanga uYosefu, wamlibala.
-
1
|Génesis 41:1|
Kwathi, ekupheleni kweminyaka emibini ezeleyo, uFaro waphupha emi phezu komlambo;
-
2
|Génesis 41:2|
nanko kunyuka, kuphuma emlanjeni, amathokazi asixhenxe amahle, etyebile, esidla engcotyeni;
-
3
|Génesis 41:3|
nanko kunyuka, kuphuma emlanjeni, amanye amathokazi asixhenxe emva kwawo, emabi, enqinile; ema ecaleni lamanye amathokazi lawo elunxwemeni lomlambo;
-
4
|Génesis 41:4|
asuka amathokazi amabi, anqinileyo, awadla amathokazi asixhenxe amahle, atyebileyo. Waphaphama uFaro.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 8-10