-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
11
|Génesis 39:11|
Kwathi kuloo mihla, wangena endlwini eya kusebenza umsebenzi wakhe; kwaye kungekho nanye yakumadoda endlu endlwini apho.
-
12
|Génesis 39:12|
Wambamba ngengubo wathi, Ndilale. Wayishiya ingubo yakhe esandleni sakhe, wabaleka, waphumela phandle.
-
13
|Génesis 39:13|
Kwathi, akubona ukuba uyishiyile ingubo yakhe esandleni sakhe, ubalekele phandle,
-
14
|Génesis 39:14|
wabiza amadoda endlu yakhe, wathetha kuwo, esithi, Khangelani, usizisele indoda engumHebhere, ukuba idlale ngathi; izile kum, isiza kundilala, ndakhala ngezwi elikhulu;
-
15
|Génesis 39:15|
yathi, yakuva ndiphakamisa izwi, ndikhala, yayishiya ingubo yayo ecaleni lam, yabaleka, yaphumela phandle.
-
16
|Génesis 39:16|
Wayibeka phantsi ingubo yayo ecaleni lakhe, yada yafika inkosi yakhe endlwini yayo.
-
17
|Génesis 39:17|
Wathetha kuyo ngokwaloo mazwi esithi, Size kum isicaka esingumHebhere, esi usizisele sona, ukuba sidlale ngam;
-
18
|Génesis 39:18|
kuthe, ndakuliphakamisa izwi lam, ndikhala, sayishiya ingubo yaso ecaleni lam, sabalekela phandle.
-
19
|Génesis 39:19|
Ithe, yakuweva inkosi yakhe amazwi omkayo awawathethayo kuyo, esithi, Senjenje isicaka sakho kum, wavutha umsindo wayo.
-
20
|Génesis 39:20|
Inkosi kaYosefu yamthabatha, yamfaka entolongweni, kuloo ndawo apho amakhonkxwa okumkani abekhonkxwa khona, waba sentolongweni apho ke.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 8-10