-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
10
|Génesis 47:10|
UYakobi wamsikela ke uFaro; waphuma, wemka ebusweni bukaFaro.
-
11
|Génesis 47:11|
UYosefu wambeka uyise nabazalwana bakhe ezweni laseYiputa, wabanika indawo yokuma kweyona ndawo intle yelizwe, ezweni laseRameses, ngokomthetho kaFaro.
-
12
|Génesis 47:12|
UYosefu wamondla uyise, nabazalwana bakhe, nendlu yonke kayise, ngesonka, ngangokuswela kosapho lwabo.
-
13
|Génesis 47:13|
Bekungekho kudla kulo lonke ilizwe; kuba ibinzima kunene indlala; ilizwe laseYiputa nelizwe lakwaKanan laphelelwa ngamandla ngenxa yendlala.
-
14
|Génesis 47:14|
Wayihlanganisa uYosefu yonke imali eyafunyanwayo ezweni laseYiputa nasezweni lakwaKanan, yengqolowa ababeyithenga; wayingenisa uYosefu imali endlwini kaFaro.
-
15
|Génesis 47:15|
Yaphela imali ezweni laseYiputa nasezweni lakwaKanan. Onke amaYiputa eza kuYosefu, esithi, Sinike ukudla. Yini na ukuba sife phambi kwakho, kuba imali iphelile.
-
16
|Génesis 47:16|
Wathi uYosefu, Rholani imfuyo yenu; ndoninika ngemfuyo yenu, ukuba imali iphelile.
-
17
|Génesis 47:17|
Ayizisa imfuyo yawo kuYosefu; uYosefu wawanika ukudla ngamahashe, nangemfuyo eyimpahla emfutshane, nangemfuyo eziinkomo, nangamaesile; wawapha ukudla endaweni yayo yonke imfuyo yawo ngaloo mnyaka.
-
18
|Génesis 47:18|
Waphela ke loo mnyaka. Eza kuye ngomnyaka wesibini, athi kuye, Asinakukufihla enkosini yam, ukuba imali nemfuyo eziinkomo iphelele enkosini yam; akusalanga nto kuthi phambi kwenkosi yam, yimizimba yethu nimihlaba yethu yodwa kuphela.
-
19
|Génesis 47:19|
Yini na ukuba sife phambi kwakho, thina aba nomhlaba wethu. Sithenge thina nomhlaba wethu ngokudla, ukuze thina nomhlaba wethu sibe ngabakhonzi bakaFaro. Sinike imbewu, ukuze siphile, singafi, kube senkangala.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7