-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
30
|Génesis 47:30|
Ke ndiya kulala koobawo; uze undisuse eYiputa, undingcwabe engcwabeni labo. Wathi ke yena, Ndiya kwenza ngokwelizwi lakho.
-
31
|Génesis 47:31|
Wathi, Funga; wafunga ke. Waqubuda uSirayeli phezu kwentloko yesingqengqelo.
-
1
|Génesis 48:1|
Kwathi emveni kwezi zinto, kwathiwa kuYosefu, Uyabona, uyihlo uyafa. Wathabatha oonyana bakhe bobabini, uManase noEfrayim, bahamba naye.
-
2
|Génesis 48:2|
Waxelelwa uYakobi kwathiwa, Nanku unyana wakho uYosefu esiza kuwe. Wazomeleza uSirayeli, wavuka, wahlala esingqengqelweni.
-
3
|Génesis 48:3|
UYakobi wathi uYosefu, uThixo uSomandla wabonakala kum ndiseLuzi, ezweni lakwaKanan, wandisikelela.
-
4
|Génesis 48:4|
Wathi kum, Yabona, ndiya kukuqhamisa, ndikwandise, ndikwenze isikhungu sezizwe; eli lizwe ndilinike imbewu yakho emva kwakho, libe lelakho ngonaphakade.
-
5
|Génesis 48:5|
Ngako oko oonyana bakho ababini, owabazalelwayo ezweni laseYiputa, ndingekafiki kuwe eYiputa, ngabam; uEfrayim noManase baya kuba ngabam; njengoRubhen noSimon.
-
6
|Génesis 48:6|
Ke othe wabazala emva kwabo, baya kuba ngabakho; baya kubizwa ngokwegama labazalwana babo elifeni labo.
-
7
|Génesis 48:7|
Ekumkeni kwam mna ePadan, ndafelwa nguRakeli ezweni lakwaKanan endleleni, ndakubona ukuba ndimganyana ukuze kufikwe e-Efrata; ndamngcwabela khona endleleni yase-Efrata eyiBhetelehem.
-
8
|Génesis 48:8|
USirayeli wababona oonyana bakaYosefu, wathi, Ngoobani na aba?
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7