-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
9
|Génesis 48:9|
Wathi uYosefu kuyise, Ngoonyana bam endibaphiwe nguThixo apha. Wathi yena, Khawubasondeze kum, ndibasikelele.
-
10
|Génesis 48:10|
Ke amehlo kaSirayeli ayeselenorhatyazo kukwaluphala, engasaboni. Wabasondeza ke kuye, wabanga, wabawola.
-
11
|Génesis 48:11|
USirayeli wathi uYosefu, Ukubona ubuso bakho bendingasakucingi; nanku uThixo endibonise nembewu yakho.
-
12
|Génesis 48:12|
UYosefu wabakhupha phakathi kwamadolo akhe, waqubuda ngobuso bakhe emhlabeni.
-
13
|Génesis 48:13|
UYosefu wabathabatha bobabini, uEfrayim ngesokunene kwesasekhohlo sikaSirayeli, noManase ngesokhohlo kwesokunene sikaSirayeli, wabasondeza kuye.
-
14
|Génesis 48:14|
USirayeli wasolula esokunene sakhe, wasibeka entloko kuEfrayim engomncinane, nesokhohlo sakhe entloko kuManase, ezenjenjalo izandla zakhe ngengqiqo; ngokuba uManase ebengowamazibulo.
-
15
|Génesis 48:15|
Wamsikelela uYosefu, wathi, Ngamana uThixo, abahamba phambi kwakhe oobawo uAbraham noIsake, owandondla kwasekuveleni kwam kwada kwanamhla, osisithunywa esindikhululeyo ebubini bonke,
-
16
|Génesis 48:16|
angabasikelela abafana, lithi igama lam negama loobawo libizwe phezu kwabo, uAbraham noIsake, bande, babe baninzi ehlabathini.
-
17
|Génesis 48:17|
Wabona uYosefu ukuba uyise usibeke isandla sakhe sokunene entloko kuEfrayim, kwakubi emehlweni akhe; wasibamba isandla sikayise wasishenxisa entlokweni kaEfrayim, esisa entlokweni kaManase.
-
18
|Génesis 48:18|
Wathi uYosefu kuyise, Makungabi njalo, bawo, kuba ngulo owamazibulo; beka esokunene entlokweni yakhe.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Números 20-21