-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
19
|Génesis 48:19|
Akavuma uyise, wathi, Ndiyazi, nyana wam, ndiyazi; naye uya kuba sisizwe, naye uya kuba mkhulu; kodwa umninawa wakhe uya kuba mkhulu kuye, nembewu yakhe ibe ziintlanga ezininzi.
-
20
|Génesis 48:20|
Wabasikelela ngaloo mini, esithi, Ngawe uya kusikelela uSirayeli, esithi, Ngamana uThixo wakwenza njengoEfrayim nanjengoManase. Wambeka ke uEfrayim phambi koManase.
-
21
|Génesis 48:21|
USirayeli wathi kuYosefu, Yabona, ndiza kufa; uThixo uya kuba nani, anibuyisele ezweni looyihlo.
-
22
|Génesis 48:22|
Mna ndikunike isiqwenga somhlaba ngaphezu kwabazalwana bakho, eso ndasithimbayo esandleni sama-Amori, ngekrele lam nangesaphetha sam.
-
1
|Génesis 49:1|
Wababiza ke uYakobi oonyana bakhe, wathi, Zihlanganiseni, ndinixelele okuya kunihlela ngemihla yokugqibela.
-
2
|Génesis 49:2|
Qukanani, niphulaphule, nyana bakaYakobi, Niphulaphule uSirayeli uyihlo.
-
3
|Génesis 49:3|
Rubhen, wena mazibulo am, mandla am, ngqalo yokuqina kwam, Ncamisa yokuphakama, ncamisa yegunya,
-
4
|Génesis 49:4|
Uxhaphazelayo njengamanzi, akusayi kuba ncamisa kunje; Kuba wenyukayo waya esililini sikayihlo, Wangcolisa oko, wenyuka waya emandlalweni wam.
-
5
|Génesis 49:5|
USimon noLevi ngabazalwana; Ziintonga zokugonyamela izikhali zabo.
-
6
|Génesis 49:6|
Egquguleni labo uze ungangeni umphefumlo wam, Nesikhungu sabo lungazibandakanyi uzuko lwam; Kuba ngomsindo wabo babulala amadoda, Ngokuzithandela kwabo bazinqumla imisipha iinkomo.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 5-7