-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
27
|Génesis 49:27|
UBhenjamin yingcuka eqwengayo; Kusasa uya kudla okuphangiweyo, Ngokuhlwa uya kwaba okuthinjiweyo.
-
28
|Génesis 49:28|
Bonke aba zizizwe zakwaSirayeli ezilishumi elinazibini; yiyo leyo into awayithethayo kubo uyise, wabasikelela; elowo ngokwentsikelelo yakhe wabasikelela.
-
29
|Génesis 49:29|
Wabawisela umthetho, wathi kubo, Ndiza kuhlanganiselwa kwabakowethu; ndingcwabeni noobawo emqolombeni osentsimini kaEfron umHiti,
-
30
|Génesis 49:30|
emqolombeni osentsimini yaseMakapela, ophambi kowakwaMamre, ezweni lakwaKanan, awawuthengayo uAbraham ndawonye nentsimi kuEfron umHiti, ukuba abe nendawo eyiyeyakhe yokungcwaba.
-
31
|Génesis 49:31|
Bamngcwaba khona apho uAbraham noSara umkakhe; bamngcwaba khona apho uIsake noRebheka umkakhe; ndamngcwaba khona apho uLeya.
-
32
|Génesis 49:32|
Yathengwa intsimi leyo nomqolomba okuyo koonyana bakaHeti.
-
33
|Génesis 49:33|
Wagqiba ke uYakobi ukuyolela oonyana bakhe, wazifinyezela esingqengqelweni iinyawo zakhe, waphuma umphefumlo, wahlanganiselwa kwabakowabo.
-
1
|Génesis 50:1|
Wawa uYosefu phezu kobuso bukayise, walila phezu kwakhe, wamanga.
-
2
|Génesis 50:2|
UYosefu wabawisela umthetho abakhonzi bakhe, amagqirha, ukuba amqhole uyise; amagqirha amqhola ke uSirayeli.
-
3
|Génesis 50:3|
Bamzalisela imihla emashumi mane, kuba bebesenjenjalo ukuyizalisa imihla yabaqholiweyo; amaYiputa amlilela imihla emashumi asixhenxe.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Reyes 4-5