-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
7
|Génesis 49:7|
Uqalekisiwe umsindo wabo, ngokuba unobungcwangu: Ukuphuphuma kwabo umsindo, ngokuba unzima. Ndiya kubachithachitha kwaYakobi, Ndibaphangalalise kwaSirayeli.
-
8
|Génesis 49:8|
Yuda, abazalwana bakho baya kukudumisa, Isandla sakho sibe sentanyeni yeentshaba zakho; Baya kuqubuda kuwe oonyana bakayihlo.
-
9
|Génesis 49:9|
Lithole lengonyama uYuda; Usuke ekuqwengeni, nyana wam, Waguqa, wabuthuma njengengonyama, Njengengonyamakazi; ngubani na oya kumvusa?
-
10
|Génesis 49:10|
Intonga ayiyi kumka kuYuda, Intonga yommisi-mthetho ayiyi kumka phakathi kweenyawo zakhe, Ade afike uShilo, Zimlulamele izizwe.
-
11
|Génesis 49:11|
Ngukhuleka emdiliyeni imazi yakhe ye-esile, Ukhuleka kowohlobo inkonyana yakhe ye-esile; uhlamba ngewayini isambatho sakhe, Ngegazi lediliya ingubo yakhe;
-
12
|Génesis 49:12|
Umehlo abomvu yiwayini, Umazinyo amhlophe ngamasi.
-
13
|Génesis 49:13|
UZebhulon uya kuma ngasezibukweni lolwandle,
-
14
|Génesis 49:14|
Ewe, ngasezibukweni leenqanawa, Icala lakhe lisingise eTsidon. UIsakare yinyathi ye-esile, Ulala phakathi kweentlanti.
-
15
|Génesis 49:15|
Wakubona ukuphumla ukuba kulungile, Nelizwe ukuba limnandi; Igxalaba lakhe walithobela ukuthwala, waba ngumsebenzi ofakwa uviko.
-
16
|Génesis 49:16|
UDan uya kugweba phakathi kwabantu bakowabo, Njengezinye izizwe zakwaSirayeli.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Reyes 4-5