-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
4
|Génesis 50:4|
Yadlula ke imihla yokulilelwa kwakhe, uYosefu wathetha kwindlu kaFaro, wathi, Ukuba kaloku niyandibabala, khanithethe ezindlebeni zikaFaro, nithi,
-
5
|Génesis 50:5|
Ubawo wandifungisa esithi, Yabona, ndiza kufa; engcwabeni lam endizimbeleyo ezweni lakwaKanan, wondingcwabela khona apho. Ngoko makhe ndinyuke ndiye kumngcwaba ubawo; ndobuya ndibuye.
-
6
|Génesis 50:6|
Wathi uFaro, Nyuka uye kumngcwaba uyihlo ngoko akufungise ngako.
-
7
|Génesis 50:7|
Wenyuka ke uYosefu waya kumngcwaba uyise; benyuka naye bonke abakhonzi bakaFaro, amadoda amakhulu endlu yakhe, amadoda amakhulu onke ezwe laseYiputa;
-
8
|Génesis 50:8|
nendlu kaYosefu yonke, nabazalwana bakhe, nendlu kayise. Kwasala iintsapho zabo zodwa, nempahla yabo emfutshane, neenkomo zabo, ezweni laseGoshen.
-
9
|Génesis 50:9|
Kwenyuka naye iinqwelo, nabamahashe, yaba ngumkhosi omkhulu kunene.
-
10
|Génesis 50:10|
Bafika esandeni sika-Atadi esiphesheya kweYordan, bambambazela izifuba, batsho khona ngesililo esikhulu, esinzima kunene; bamenzela uyise isijwili imihla esixhenxe.
-
11
|Génesis 50:11|
Basibona abemi belo zwe, amaKanan, isijwili esandeni sika-Atadi, bathi, Sikhulu esi sijwili kumaYiputa; ngenxa yoko kwathiwa igama laso yiAbhele-mitserayim, ephesheya kweYordan.
-
12
|Génesis 50:12|
Oonyana bakhe benza ke kuye njengokuyolela kwakhe.
-
13
|Génesis 50:13|
Bamthwala oonyana bakhe, bamsa ezweni lakwaKanan, bamngcwaba emqolombeni wentsimi yaseMakapela, awawuthengayo uAbraham ndawonye nentsimi, ukuba ube yindawo eyiyeyakhe yokungcwaba, kuEfron umHiti phambi kowakwaMamre.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Gálatas 1-3