-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
5
|Génesis 29:5|
Wathi kubo, Niyamazi na uLabhan, unyana kaNahore? Bathi, Siyamazi.
-
6
|Génesis 29:6|
Wathi kubo, Usaphilile na? Bathi, Usaphilile; nanku noRakeli, intombi yakhe, esiza nempahla emfutshane.
-
7
|Génesis 29:7|
Wathi, Yabonani, kusesemini enkulu, asilixa lakuhlanganisa impahla; yisezeni impahla emfutshane, niye kwalusa.
-
8
|Génesis 29:8|
Bathi, Asinako, ide ihlanganiswe yonke imihlambi, liqengqwe ilitye, lisuke emlonyeni wequla, siyiseze ke impahla emfutshane.
-
9
|Génesis 29:9|
Ke kaloku esathetha nabo, wafika uRakeli nempahla emfutshane kayise; kuba ubeyalusa.
-
10
|Génesis 29:10|
Kwathi, uYakobi akumbona uRakeli intombi kaLabhan, uninalume, nempahla emfutshane kaLabhan uninalume, wasondela uYakobi, waliqengqa ilitye lesuka emlonyeni wequla, wayiseza impahla emfutshane kaLabhan uninalume.
-
11
|Génesis 29:11|
UYakobi wamanga uRakeli, waliphakamisa izwi lakhe, wasitsho isililo.
-
12
|Génesis 29:12|
UYakobi wamxelela uRakeli ukuba ungumzalwana kayise, nokuba ungunyana kaRebheka. Wagidima yena waxelela uyise.
-
13
|Génesis 29:13|
Kwathi, uLabhan akuluva udaba lukaYakobi, unyana wodade wabo, wagidima waya kumkhawulela, wamwola, wamanga, wamngenisa endlwini yakhe. Yena wambalisela uLabhan ngezo ndawo zonke.
-
14
|Génesis 29:14|
Wathi uLabhan kuye, Okunene ulithambo lam, uyinyama yam. Wahlala naye inyanga iphela.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer Mateo 8-10