-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
17
|Génesis 28:17|
Woyika, wathi, Asikuko nokuba iyoyikeka le ndawo; yindlu kaThixo le, ayinto yimbi; lisango lamazulu eli.
-
18
|Génesis 28:18|
Wavuka uYakobi kwakusasa, walithabatha ilitye abelibeke phantsi kwentloko yakhe, walimisa lasisimiso, wathulula ioli phezu kwalo.
-
19
|Génesis 28:19|
Wathi igama laloo ndawo yiBheteli, nangona beliyiLuzi, igama laloo mzi ekuqaleni.
-
20
|Génesis 28:20|
Wabhambathisa ngesibhambathiso uYakobi, esithi, Ukuba uThixo uthe waba nam, wandigcina kuyo le ndlela ndiyihambayo, wandinika isonka ndadla, neengubo ndambatha,
-
21
|Génesis 28:21|
ndabuyela endlwini kabawo ndinoxolo: uYehova woba nguThixo wam,
-
22
|Génesis 28:22|
neli litye ndilimisileyo lasisimiso loba yindlu kaThixo; neento zonke othe wandinika, ndokunika isishumi sazo.
-
1
|Génesis 29:1|
Wesuka uYakobi, waya ezweni labasempumalanga.
-
2
|Génesis 29:2|
Wakhangela, wabona iqula ezweni, nantso ikhona imihlambi emithathu yempahla emfutshane, ibuthile ngakulo; kuba imihlambi yayisezwa kwelo qula. Kukho ilitye elikhulu emlonyeni wequla.
-
3
|Génesis 29:3|
Yabe ihlanganiselwa khona yonke imihlambi, baliqengqe ilitye, balisuse emlonyeni wequla, bayiseze impahla emfutshane, balibuyisele ilitye elo emlonyeni wequla endaweni yalo.
-
4
|Génesis 29:4|
UYakobi wathi kubo, Bazalwana bam, nivela phi na? Bathi bona, Sivela kwaHaran.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 11-13