-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
33
|Génesis 27:33|
UIsake wagubha ngokugubha okukhulu kunene, wathi, Ngubani na lo phofu uzingele inyamakazi, wayizisa kum, ndadla entweni yonke, ungekafiki wena, ndamsikelela? Wosikeleleka ke.
-
34
|Génesis 27:34|
Akuweva uEsawu amazwi kayise, wakhala ngesikhalo esikhulu, esikrakra kunene, wathi kuyise, Ndisikelele nam, bawo.
-
35
|Génesis 27:35|
Wathi yena, Kufike umninawa wakho ngenkohliso, wayithabatha intsikelelo yakho.
-
36
|Génesis 27:36|
Wathi, Kungokuba igama lakhe kusithiwa nguYakobi na, le nto andigweqe ezi zihlandlo zozibini? Wathabatha ubuzibulo bam; nanku ngoku, ethabathe nentsikelelo yam. Wathi, Akundibekelanga ntsikelelo yam. Wathi, Akundibekelanga ntsikelelo na mna?
-
37
|Génesis 27:37|
Waphendula uIsake, wathi kuEsawu, Yabona, ndimmisile waba yinkosi yakho, nabo bonke abazalwana bakhe ndibanike yena, baba ngabakhonzi; ndamxhasa ngengqolowa nangewayini entsha. Yintoni na kaloku endingakwenzela yona, nyana wam?
-
38
|Génesis 27:38|
Wathi uEsawu kuyise, Inye na le ntsikelelo unayo, bawo? Ndisikelele nam, bawo. Waliphakamisa uEsawu izwi lakhe, walila.
-
39
|Génesis 27:39|
Waphendula uIsake uyise, wathi kuye, Yabona, ikhaya lakho liya kuba lee nokuchuma komhlaba, Lee nombethe wezulu ovela phezulu.
-
40
|Génesis 27:40|
Uya kuphila ngekrele lakho, umkhonze umninawa wakho; Kuthi wakudlokova, Uyaphule idyokhwe yakhe, isuke entanyeni yakho.
-
41
|Génesis 27:41|
UEsawu wamzonda uYakobi ngenxa yentsikelelo awamsikelela ngayo uyise; uEsawu wathi entliziyweni yakhe, Iya kusondela imihla yesijwili sikabawo, ndimbulale ke uYakobi umninawa wam.
-
42
|Génesis 27:42|
Wawaxelelwa uRebheka amazwi kaEsawu, unyana wakhe omkhulu, wathumela, wambiza uYakobi, unyana wakhe omnci, wathi kuye, Yabona, uEsawu, umkhuluwa wakho, uzithuthuzela ngawe ngokukubulala.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 11-13