-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
3
|Génesis 27:3|
Khawuthabathe ngoku iintonga zakho, umphongolo wakho, nesaphetha sakho, uye ezindle, undizingelele inyamakazi;
-
4
|Génesis 27:4|
undenzele ukudla okunencasa, njengoko ndikuthandayo, ukuzise kum, ndidle; ukuze umphefumlo wam ukusikelele ndingekafi.
-
5
|Génesis 27:5|
Ke kaloku uRebheka wayesiva ukuba uIsake uthetha kuEsawu unyana wakhe. UEsawu waya kuzingela inyamakazi ezindle, ukuba ayizise.
-
6
|Génesis 27:6|
URebheka wathetha kuYakobi, unyana wakhe, wathi, Yabona, ndive uyihlo ethetha kuEsawu umkhuluwa wakho, esithi,
-
7
|Génesis 27:7|
Ndizisele inyamakazi, undenzele ukudla okunencasa, ndidle, ndikusikelele phambi koYehova ndingekafi.
-
8
|Génesis 27:8|
Ngoko ke, nyana wam, liphulaphule izwi lam ngento endikuwisela umthetho ngayo.
-
9
|Génesis 27:9|
Khawuhambe uye emhlambini, undithabathele khona amatakane amabini ebhokhwe alungileyo, ndenzele uyihlo ukudla okunencasa, njengoko akuthandayo;
-
10
|Génesis 27:10|
ukuse kuyihlo, adle, ukuze akusikelele engekafi.
-
11
|Génesis 27:11|
Wathi uYakobi kuRebheka unina, Yabona, uEsawu umkhuluwa wam yindoda exhonti, mna ndiyindoda egudileyo.
-
12
|Génesis 27:12|
Mhlawumbi ubawo wondiva, ndibe njengomgculeli emehlweni akhe, ndizizisele intshwabulelo, ndingaziziseli intsikelelo.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 11-13