-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
28
|Génesis 26:28|
Bathi, Sibone kakuhle ukuba uYehova unawe; sathi, makubekho isifungo phakathi kwethu nawe, senze umnqophiso nawe,
-
29
|Génesis 26:29|
wokuba ungasenzeli bubi, njengokuba singakusunduzanga, njengokuba sikwenzele okulungileyo kodwa, sakundulula unoxolo; ngoku usikelelwe nguYehova.
-
30
|Génesis 26:30|
Wabenzela isidlo, badla, basela. Bavuka kusasa, bafungelana;
-
31
|Génesis 26:31|
uIsake wabandulula, bemka kuye benoxolo.
-
32
|Génesis 26:32|
Kwathi ngaloo mini, bafika abakhonzi bakaIsake, bamxelela indawo yequla ababelimbile, bathi kuye, Siwafumene amanzi.
-
33
|Génesis 26:33|
Wathi liyiShibha; ngenxa yoko igama laloo mzi liyiBher-shebha unanamhla.
-
34
|Génesis 26:34|
Ke kaloku uEsawu, akuba minyaka imashumi mane ezelwe, wazeka umfazi, uYuditi intombi kaBheri, umHeti, noBhasemati intombi kaElon, umHeti;
-
35
|Génesis 26:35|
babacaphukisa ooIsake noRebheka.
-
1
|Génesis 27:1|
Kwathi, akwaluphala uIsake, amehlo akhe enorhatyazo ukuba angaboni, wambiza uEsawu, unyana wakhe omkhulu, wathi kuye, Nyana wam. Wathi yena kuye, Ndilapha.
-
2
|Génesis 27:2|
Wathi, Khawubone, ndaluphele, andiyazi imini yokufa kwam.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 11-13