-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
18
|Génesis 26:18|
Wabuya uIsake wawamba amaqula amanzi, ababewambile ngemihla ka-Abraham uyise, abevingciwe ngamaFilisti emveni kokufa kuka-Abraham; wawabiza ngamagama abewabize ngawo uyise.
-
19
|Génesis 26:19|
Bemba abakhonzi bakaIsake esihlanjeni eso, bafumana khona iqula lamanzi aphilileyo.
-
20
|Génesis 26:20|
Abalusi baseGerare babambana nabalusi bakaIsake, besithi, Ngawethu la manzi; wathi igama lequla elo yiEseke, kuba babezamana naye.
-
21
|Génesis 26:21|
Bemba elinye iqula, babambana nangalo, wathi igama lalo yiSitena.
-
22
|Génesis 26:22|
Wesuka khona wemba elinye iqula; ababambananga ngalo, wathi igama lalo yiRehobhoti. Wathi, Inene, ngoku uYehova usenzele indawo ebanzi, ukuze siqhame ezweni apha.
-
23
|Génesis 26:23|
Wenyuka wemka khona, waya eBher-shebha.
-
24
|Génesis 26:24|
UYehova wabonakala kuye ngobo busuku, wathi, NdinguThixo ka-Abraham uyihlo. Musa ukoyika, kuba ndinawe; ndiya kukusikelela, ndiyandise imbewu yakho, ngenxa ka-Abraham, umkhonzi wam.
-
25
|Génesis 26:25|
Wakha khona isibingelelo, wanqula igama likaYehova, wayimisa khona intente yakhe; abakhonzi bakaIsake bemba khona iqula.
-
26
|Génesis 26:26|
Ke kaloku uAbhimeleki weza kuye ephuma eGerare, noAhuzati, isihlobo sakhe, noFikolo, umthetheli womkhosi wakhe.
-
27
|Génesis 26:27|
Wathi uIsake kubo, Nizeleni na kum, nandithiyayo nje, nandindulula kuni?
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 11-13