-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
8
|Génesis 26:8|
Kwathi, akubonÂ’ ukuba ulibele umzuzu khona, wondela uAbhimeleki, ukumkani wamaFilisti, ngefestile; wakhangela, nanko, uIsake edlala noRebheka umkakhe.
-
9
|Génesis 26:9|
UAbhimeleki wambiza uIsake, wathi, Yabona, inene ngumkakho lo; ungathini na ukuthi, Ngudade wethu? Wathi uIsake kuye, Bendisithi, hleze ndife ngenxa yakhe.
-
10
|Génesis 26:10|
Wathi uAbhimeleki, Yini na ukuba wenze le nto kuthi? Othile ebantwini ebengathi alale nomkakho, ube usizisele ityala.
-
11
|Génesis 26:11|
UAbhimeleki wawisela bonke abantu umthetho wokuthi, Lowo uyichukumisayo le ndoda nomkayo wobulawa afe.
-
12
|Génesis 26:12|
UIsake wahlwayela kwelo zwe, wazuza ngaloo mnyaka imilinganiso elikhulu; uYehova wamsikelela.
-
13
|Génesis 26:13|
Yaba nkulu indoda leyo, yaya ikhula ngokukhula, yada yaba nkulu kunene.
-
14
|Génesis 26:14|
Yaba nemfuyo yempahla emfutshane, nemfuyo yeenkomo, nabakhonzi abaninzi; ayimonela amaFilisti.
-
15
|Génesis 26:15|
Onke amaqula, ababewambile abakhonzi bakayise ngemihla ka-Abraham uyise, awavingca amaFilisti, awadibelela ngomhlaba.
-
16
|Génesis 26:16|
Wathi uAbhimeleki kuIsake, Mka kuthi, ngokuba usuke waba namandla amakhulu kunathi.
-
17
|Génesis 26:17|
UIsake wemka ke apho, wamisa iintente esihlanjeni saseGerare, wahlala khona.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 11-13