-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
32
|Génesis 25:32|
Wathi uEsawu, Yabona, ndiza kufa; buyintoni na kum ubuzibulo?
-
33
|Génesis 25:33|
Wathi uYakobi, Ndifungele namhlanje. Wamfungela; wathengisa ke ngobuzibulo bakhe kuYakobi.
-
34
|Génesis 25:34|
UYakobi wamnika uEsawu isonka neentlumayo eziphekiweyo; wadla, wasela, wesuka wemka; wabudela ke uEsawu ubuzibulo bakhe.
-
1
|Génesis 26:1|
Kwabakho indlala ezweni, ngaphandle kweyokuqala indlala, eyayikho ngemihla ka-Abraham; waya uIsake kuAbhimeleki, ukumkani wamaFilisti, eGerare.
-
2
|Génesis 26:2|
UYehova wabonakala kuye, wathi, Musa ukuhla uye eYiputa; ima ezweni endiya kukuxelela lona.
-
3
|Génesis 26:3|
Phambukela kweli zwe. Ndoba nawe, ndikusikelele; kuba ndiya kuwanika wena nembewu yakho onke la mazwe, ndisimise isifungo endasifungayo kuAbraham uyihlo;
-
4
|Génesis 26:4|
ndiyandise imbewu yakho njengeenkwenkwezi zezulu, ndiyinike imbewu yakho onke la mazwe, zisikelelwe ngembewu yakho zonke iintlanga zehlabathi;
-
5
|Génesis 26:5|
ngenxa enokuba uAbraham waliphulaphulayo izwi lam, wasigcina isigxina sam, nemithetho yam, nemimiselo yam, nemiyalelo yam.
-
6
|Génesis 26:6|
Wahlala uIsake eGerare.
-
7
|Génesis 26:7|
Abuza amadoda aloo ndawo ngomkakhe. Wathi, Ngudade wethu; kuba ebesoyika ukuthi, Ngumkam; hleze ambulale amadoda ale ndawo ngenxa kaRebheka, ngokuba ebemhle imbonakalo.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 11-13