-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
7
|Génesis 28:7|
noYakobi umphulaphule uyise nonina, waya ePadan-aram.
-
8
|Génesis 28:8|
Wabona uEsawu ukuba iintombi zakwaKanan azifunwa nguIsake uyise;
-
9
|Génesis 28:9|
wasuka waya uEsawu kuIshmayeli, wazeka uMahalati, intombi kaIshmayeli, unyana ka-Abraham, udade boNebhayoti, phezu kwabafazi bakhe, wangumkakhe.
-
10
|Génesis 28:10|
Waphuma ke uYakobi eBher-shebha, waya kwaHaran.
-
11
|Génesis 28:11|
Wathi qatha ndaweni ithile, walala khona, kuba belithshonile ilanga. Wathabatha kumatye aloo ndawo, wabeka phantsi kwentloko yakhe, walala kuloo ndawo.
-
12
|Génesis 28:12|
Waphupha ebona ileli imisiwe emhlabeni, intloko yayo iye yafika emazulwini; nanzo izithunywa zikaThixo zinyuka, zisihla ngayo;
-
13
|Génesis 28:13|
nanko uYehova emi phezu kwayo, wathi, NdinguYehova, uThixo ka-Abraham uyihlo, uThixo kaIsake. Ilizwe elo ulele kulo, ndiya kulinika wena, nembewu yakho;
-
14
|Génesis 28:14|
imbewu yakho ibe njengothuli lomhlaba, uphangalale, usinge entshonalanga, nasempumalanga, nasentla, nasezantsi, zisikelelwe ngawe nangembewu yakho zonke izizwe zehlabathi.
-
15
|Génesis 28:15|
Yabona, ndinawe; ndiya kukugcina naphi apho uya khona, ndikubuyisele kulo mhlaba; ngokuba andiyi kukushiya, nidide ndikwenze oko ndikuthethileyo kuwe.
-
16
|Génesis 28:16|
Wavuka uYakobi ebuthongweni bakhe, wathi, Kunjenje ke, uYehova ukho kule ndawo, kanti mna bendingazi.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 2 Corintios 11-13