- 
			
				
Leer por capítulos:
- 
									
   Xhosa									 - 
									
									 
- 
									
									1
									 
									 
									|Job 11:1|
									Wasusela uTsofare waseNahama, wathi,									
									    
								 
- 
									
									2
									 
									 
									|Job 11:2|
									Le nto ininzi yamazwi ayikuphendulwa na, Indoda elipholopholo igwetyelwe na?									
									    
								 
- 
									
									3
									 
									 
									|Job 11:3|
									Ukuphololoza kwakho kuya kubetha athi tu na amadoda, Ukuba ugculele, kungabikho ukuhlazayo?									
									    
								 
- 
									
									4
									 
									 
									|Job 11:4|
									Uthi, Iqaqambile imfundiso yam, Ndinyulu emehlweni akho.									
									    
								 
- 
									
									5
									 
									 
									|Job 11:5|
									Kodwa akaba uThixo ubethetha, Avule umlomo wakhe kuwe;									
									    
								 
- 
									
									6
									 
									 
									|Job 11:6|
									Akuxelele iimfihlakalo zobulumko, Ukuba buphindeke kabini,  bayinto ezimasekileyo; Ubuya kwazi ke ukuba uThixo wenze ukuba ubulibale ubugwenxa bakho.									
									    
								 
- 
									
									7
									 
									 
									|Job 11:7|
									Unokufikelela na ezingontsingontsini zikaThixo?  Unokufikelela na ekufezekeni kukaSomandla?									
									    
								 
- 
									
									8
									 
									 
									|Job 11:8|
									Kuphakame ngokwamazulu; unokwenza ntoni na? Kunzulu kunelabafileyo; unokwazi ntoni na?									
									    
								 
- 
									
									9
									 
									 
									|Job 11:9|
									Kukude kunehlabathi ukulinganiswa kwako, Kubanzi kunolwandle.									
									    
								 
- 
									
									10
									 
									 
									|Job 11:10|
									Ukuba uthe phe yena, wavingcela, Wamemela ematyaleni,  ngubani na onokumnqanda?									
									    
								 
 - 
									
 - 
				
Sugerencias
 

Haga clic para leer Juan 16-18