- 
			
				
Leer por capítulos:
- 
									
   Xhosa									 - 
									
									 
- 
									
									11
									 
									 
									|Job 11:11|
									Kuba yena uyabazi abantu abakhohlakeleyo, Uyabubona ubutshinga engaqondelanga.									
									    
								 
- 
									
									12
									 
									 
									|Job 11:12|
									Nomntu onjengesidenge angaba nokuqonda, Nethole le-esile lasendle lingaba nokuzalwa lingumntu.									
									    
								 
- 
									
									13
									 
									 
									|Job 11:13|
									Ukuba uthe wena wabhekisa intliziyo yakho kuye, Wazolulela izandla zakho kuye:									
									    
								 
- 
									
									14
									 
									 
									|Job 11:14|
									Ukuba kuthe kwakho inkohlakalo esandleni sakho, yise kude,  Ungabuhlalisi ubugqwetha ezintenteni zakho;									
									    
								 
- 
									
									15
									 
									 
									|Job 11:15|
									Okunene, uya kwandula ukubuphakamisa ubuso bakho bungenasisihla, Uthi bhuxe, ungoyiki.									
									    
								 
- 
									
									16
									 
									 
									|Job 11:16|
									Kuba wokulibala ukwaphuka kwakho, Ukukhumbule njengamanzi adluleyo;									
									    
								 
- 
									
									17
									 
									 
									|Job 11:17|
									Ukudla kwakho ubomi kuvuke, kuqaqambe ngaphezu kwemini enkulu; Nakuba kusongelwe emnyameni, kokhanya njengokusa.									
									    
								 
- 
									
									18
									 
									 
									|Job 11:18|
									Wokholosa, ngokuba sekukho ithemba, Uhlole, ulale phantsi enkolosekweni;									
									    
								 
- 
									
									19
									 
									 
									|Job 11:19|
									Ubuthume, kungekho wothusayo, Bakuncekelele abaninzi.									
									    
								 
- 
									
									20
									 
									 
									|Job 11:20|
									Ke wona amehlo abangendawo ophelelwa; Idake kubo indawo yokusabela, Ithemba labo libe kukuphuma umphefumlo.									
									    
								 
 - 
									
 - 
				
Sugerencias
 

Haga clic para leer Juan 16-18