-
Leer por capítulos:
-
Xhosa
-
-
1
|Job 19:1|
Waphendula uYobhi, wathi,
-
2
|Job 19:2|
Kunini na nisenza isingqala kumphefumlo wam, Nindityumza ngokuthetha?
-
3
|Job 19:3|
Ezi zihlandlo zilishumi nindihlazile; Anidanile, niyandikhwankqisa.
-
4
|Job 19:4|
Khona ke ndithe okunene ndalahleka, Kuhleli nam ukulahleka kwam.
-
5
|Job 19:5|
Ukuba okunene nithe nazikhulisa kum, Nandohlwaya ngengcikivo yam:
-
6
|Job 19:6|
Yazini ngoko, ukuba nguThixo ondigobileyo, Wandirhawula ngomnatha wakhe.
-
7
|Job 19:7|
Yabona, ndiyakhala, ndithi, Ndagonyamelwa! kungasatyelwa; Ndiyazibika, kungabikho kulungisa.
-
8
|Job 19:8|
Uyibiyile indlela yam, akwabakho ukugqitha; Ezingqushwini zam wamisa ubumnyama.
-
9
|Job 19:9|
Undihlube uzuko lwam, Wasusa isithsaba sentloko yam.
-
10
|Job 19:10|
Undidilizile ngeenxa zonke, ndemka; Walincothula njengomthi ithemba lam.
-
-
Sugerencias
Haga clic para leer 1 Corintios 8-10