- 
			
				
Leer por capítulos:
- 
									
   Xhosa									 - 
									
									 
- 
									
									11
									 
									 
									|Job 38:11|
									Ndathi, Fika apha, ungegqithi; Eme apha amaza akho akratshayo?									
									    
								 
- 
									
									12
									 
									 
									|Job 38:12|
									Ngemihla yakho wakha wayiwisela umthetho na intsasa,  Wasazisa isifingo indawo yaso;									
									    
								 
- 
									
									13
									 
									 
									|Job 38:13|
									Ukuba sibambe amasondo ehlabathi, Bavuthululwe kulo abangendawo?									
									    
								 
- 
									
									14
									 
									 
									|Job 38:14|
									Liguquka njengodongwe lomsesane wokutywina, Zizimise ngokwazo izinto njengasesambathweni;									
									    
								 
- 
									
									15
									 
									 
									|Job 38:15|
									Abangendawo bavinjwe ukukhanya kwabo, Nengalo ephakamileyo yaphulwe.									
									    
								 
- 
									
									16
									 
									 
									|Job 38:16|
									Uye wafika na emithonjeni yolwandle? Wahambahamba ezingontsingontsini zenzonzobila?									
									    
								 
- 
									
									17
									 
									 
									|Job 38:17|
									Uwatyhilelwe na amasango okufa? Namasango ethunzi lokufa wawabona?									
									    
								 
- 
									
									18
									 
									 
									|Job 38:18|
									Ubugqalile na ububanzi behlabathi? Xela, ukuba uyakwazi oko konke.									
									    
								 
- 
									
									19
									 
									 
									|Job 38:19|
									Iphi na indlela esa ekhayeni lokukhanya, Nobumnyama iphi na indawo yabo,									
									    
								 
- 
									
									20
									 
									 
									|Job 38:20|
									Ukuba ubuse emdeni wabo, Ukuba uqonde iindlela zendlu yabo?									
									    
								 
 - 
									
 - 
				
Sugerencias
 

Haga clic para leer Juan 16-18